By Ngqushwa Municipality
Umasipala waseNgqushwa ebambisene namasebe karhulumente, Indlu yenkosi, NGO’s, ibhunga letyalike eNgqushwa (Council of Churches), Imibutho yeeTeksi (Taxi Associations) ekhoyo ekuhlaleni, abafundi bamabanga aphantsi nabahlali ngale mini yanamhlanje bamanyene benza umngcelele (March) osuka edolophini eNgqushwa besingise kwisebe lezoBulungisa (Department of Justice) ukungenisa isibongozo (Petition) esilwisana nokudlwengulwa kwexhoba, uCwecwe waseMatatiele oneminyaka esixhenxe (7) kwakunye nabantwana jikelele ezikolweni, emakhaya nasekuhlaleni siquka nabantu basetyhini.
Isibongozo esingeniswe kuMantyi sichaza iimfuno ezizezi zilandelayo:
Sifuna ukubona ubulungisa busenziwa kwixhoba uCwecwe.
Imiba elolu hlobo inikwe ingqwalaselo ephambili xa ixelwa, kubhekiswa ngokukodwa kwi-kwinkonzo yesiPolisa (SAPS) kunye noNontlalontle njengoko sikholelwa ukuba balizibuko lokuqala xa kusenzeka ezi ziganeko.
Iinkundla zethu, ingakumbi iNPA incedise ekuqinisekiseni ukuba abenzi bobubi bayohlwaywa ngendlela eya kusinceda sibone ukuncipha kula matyala.
(a) Umntu onolwazi lokuba ulwaphulo-mthetho ngokwesondo lwenzekile emntwaneni kufuneka aluxele olo lwazi ngoko-nangoko kwinkonzo yesipolisa (SAPS).
(b) Umntu onolwazi lwesenzo sobubi kwaye angachazi olo lwazi njengoko kuchaziwe kumhlathi (a), unetyala lokwaphula umthetho kwaye akuba efunyenwe enetyala makavalelwe entolongweni ixesha eliya kutsho kwiminyaka emihlanu.